Ibali Lika Noma-indiya
Ibali Lika Noma-indiya

Dumza Maswana - Ibali Lika Noma-indiya Lyrics

21
Ibali Lika Noma-indiya Music Video

Ibali Lika Noma-indiya Lyrics

Kwathi ke kaloku ngantsomi
Chosi chosi
Kungaphum'iimpondo
Kwakukho intombazanana
Egama lingu Noma-indiya
Isiqushuqushu sesiqova Esinezigweqe
Umzukulwana kaMambanjwa
Eyayithandwa kakhulu nguninakhulu
Le ntombazanana ke
Yayihlala kuGompo
Ze ithi rhoqo ngeeholide zehlobo
Mhlawumbi ezobusika
Ityelele umakhulu wayo uMambanjwa
Kwiilali zaseNgqushwa
EBhirha
Wayemyala rhoqo ke umakhulu wakhe xa ekhona Athi
Noma-indiya
Mntanomntanam
Uze undincede
Ungakh'ulinge udlalele kude nekhaya
Yaye ungaze uwele umlambo Uye kwezalali zingaphesheya Ngeny'imini
Kuyakuze kune imvula
Igcwale imifula
Ningakwazi ukuwela
Ingakumbi ke wena Noma-indiya
Ngoba akukwazi nokokubaleka
Athi qhuzu-qhuzu uNoma-indiya etyoba ilihlo
Enze ngath'uvile
Athi ndivile makhulu
Andisokuze ndiye apho
Yaye uyayazi ukuba
Amakhwenkwe alalal'ingaphesheya
Ase kakhulu
Oh umakhulu ncume
Minazana ithile
Kwilali engaphesheya
EDindala kwaTyuwa
EmaCirheni kubekho umgidi Kuxhelwe inkomo
Neegusha
Neebhokhwe
Ngokwamabhongw'akhona
Hayi ke abantwana
Ibe ngathi
Babethw'ephondweni
Basuke eNewrest
KwaNtambomvu
EZiteneneni
KwaZwelitsha
EKomanishini
Nditsho kwaHoyi
NaseTyityaba
Hii ukuy'emgidini.
Naso ke isiqushuqushu sesiqova
Esinezigweqe naso sizimela
Sibaleka
Yhii tshe sithe
Ukuya kuqabela emaCirheni
Ngelingeni
Yamathumbantaka imozulu
Lezisa izulu
Kwasibekela
Kwatsho
Isiphangokazi semvula
Yhoo
Ngqee abany'abantwana hii
Bakhawuleza bawela umfula
Ungekaphuphumi
Naanko ehintsiza uNomaindiya
Ebaleka
Ekhefuzela
Ekhala
Wafika umlambo ugcwele
Wacinga amazwi kamakhulu wakhe
Wathi oh Nkosi yam
Andiyazi ukuba bendiyenzela ntoni lento
Wangen'emlanjeni
Wabek'unyawo lokuqala
Wabek'olwesibini
Wathi nje esithi uyazama ukuthi
Amthatha amandla omsinga
Amtshayel'uNomaindiya
Wabe engenamncedi
Ahamba naye
Amanzi omlambo iBhirha
Amkhuphela eNxuba
Ayomlahl'elwandle
EHambhok
Oh ingathi ndiyambona uMambanjwa
Engamazi umntwan'akhe
Uyephi na
Ehamb'ebuzisa kubantwana abebedlala naye
Ukuba uphi na uNoma-indiya
Kanti uNoma-indiya usindile
Uye waginywa lisele
Elahamba kengoku
Libuzisa ngaye
Ukuba ngubani na ndimthweleyo
Thaxa
Thaxa
Thaxa isele
Laqala ke isele ukucula
EBhodyama
Nants'ingoma
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
Hee bath'abantu baseBhodyama
Hayi asimazi thina
LomhlobaseGompo khala ngaye
Ladlul'isele laya kwaNdaba
Labuza
He bethuna niyamazi
Umnt'ekuthiwa nguNoma-indiya
Intomb'aseGompo
Umzukulwana kaMambanjwa
Kwathiwa hayi asimazi thina lomntu apha tu
Gqithela phambili tu
Hee, wahamba waya phambili
Waya kwilal'ekuthiwa kuseTuwa
Wabuz'apho
Bethuna ndiyabuzisa
Kwathwa iyemapoliseni
Kukh'ipolice station kaloku pha
Kwathiwa iyemapoliseni
Ath'amapolisa hayi thina
Asimazi lomntu apha
Khawuy'eGcinisa maan
Hey hee hayi
EGcinisa kwathiwa asimazi lomntu apha
Khwaudlulelephambili
Hayi waya kwaNdaba ke
Wacula wacula wathi
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
Kwathiwa kwaNdaba
Hayi hamba
Gqithela phambili
Asimazi thina lo mntu
Hey wathi eQolweni
NaseNdabazandile
Ebuz'umbo omnye
Bethuna niyamazi na
UNoma-indiya
Umzukulwama kaMambanjwa
Isiushuqushu sesiqova
Esifutshanana esinezigweqe
Kwathiwa hey
Asimazi thina lomntu apha
Dlulela phambili kwaHoyi
Lehl'isele laya kwaHoyi
Bethuna niyamazi na
Umntu ekuthiwa
Ngu Noma-indiya
Isiqushuqushu sesiqova
Esinezigweqe
Umzukulwana ka Mambanjwa
Ingathi pha wadibana nomntu ekuthiwanguMphumezi
Wathi uMphumezi hayi andimazi mna lomntu lowo
Khawugqithele phambili
Hayi behla
Bokutsho eDoorkloof
Bethuna niyamazi na
Wakhwaza
Madala
Madala
Andisakhumbuli noba yayinguMayedwa na
Wathi
Niyamaz'uNomaindiya
Wathi heyi asimazi thina lomntu lowo
Dlulela phambili
Wadlula ke
Waya kutsho ngaapha
Kwafifteen
Ukuyokuqabel'ezanti
KwaZwelitsha
Wadibana nomny'utata ekuthiwa nguStywembeshe
He baw'uStywembeshe
Uyamazi umntu ekuthiwa ngu Nomaindiya
Umzukulwana kaMambanjwa
Wathi tyhini
Ndiyamazi loo mntu
Ngowangaaapha
Ngowangap'eKomanishini
Dlulela pha ngaphesheya
Hayi ke kwabonakala ngathi uNomaindiya uyaziwa
Umzukulwana ka Mambanjwa
Hayi babulela kakhulu abantu
Bamxhelela
Bamxhelela uNomaindiya
Kwathiwa
Nguye nguye lo
NguMayindiya
Nguye nguye lo
Ndipheth'umhlob'ase
Gompo Gompo
Nguye nguye lo
NguMayindiya
Nguye nguye lo
Ngumhlob'ase
Gompo Gompo
Nguye nguye lo
NguMayindiya
Nguye nguye lo
Lona umhlob'ase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndizis'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Nguye nguye lo
NguMayindiya
Nguye nguye lo
Ndipheth'umhlob'ase
Gompo Gompo
We Gompo Gompo
Halala ey
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
Bantwanana
Mamelan'azali
Niqaphele
Int'abayithethayo
Nomaindiya
Nomaindiya
Nomaindiya
Nomaindiya
Mhlobase Gompo Gompo
Mhlobase Gompo Gompo
Mhlobase Gompo Gompo
Mhlobase Gompo Gompo
Phela phela phela
Phela ngantsomi
Phela phela phela
Phela ngantsomi
Chosi chosi kungaphum'iimpondo
Chosi chosi kungaphum'iimpondo
Phela phela ngantsomi

Kwathi ke kaloku ngantsomi
Chosi chosi
Kungaphum'iimpondo
Kwakukho intombazanana
Egama lingu Noma-indiya
Isiqushuqushu sesiqova Esinezigweqe
Umzukulwana kaMambanjwa
Eyayithandwa kakhulu nguninakhulu
Le ntombazanana ke
Yayihlala kuGompo
Ze ithi rhoqo ngeeholide zehlobo
Mhlawumbi ezobusika
Ityelele umakhulu wayo uMambanjwa
Kwiilali zaseNgqushwa
EBhirha
Wayemyala rhoqo ke umakhulu wakhe xa ekhona Athi
Noma-indiya
Mntanomntanam
Uze undincede
Ungakh'ulinge udlalele kude nekhaya
Yaye ungaze uwele umlambo Uye kwezalali zingaphesheya Ngeny'imini
Kuyakuze kune imvula
Igcwale imifula
Ningakwazi ukuwela
Ingakumbi ke wena Noma-indiya
Ngoba akukwazi nokokubaleka
Athi qhuzu-qhuzu uNoma-indiya etyoba ilihlo
Enze ngath'uvile
Athi ndivile makhulu
Andisokuze ndiye apho
Yaye uyayazi ukuba
Amakhwenkwe alalal'ingaphesheya
Ase kakhulu
Oh umakhulu ncume
Minazana ithile
Kwilali engaphesheya
EDindala kwaTyuwa
EmaCirheni kubekho umgidi Kuxhelwe inkomo
Neegusha
Neebhokhwe
Ngokwamabhongw'akhona
Hayi ke abantwana
Ibe ngathi
Babethw'ephondweni
Basuke eNewrest
KwaNtambomvu
EZiteneneni
KwaZwelitsha
EKomanishini
Nditsho kwaHoyi
NaseTyityaba
Hii ukuy'emgidini.
Naso ke isiqushuqushu sesiqova
Esinezigweqe naso sizimela
Sibaleka
Yhii tshe sithe
Ukuya kuqabela emaCirheni
Ngelingeni
Yamathumbantaka imozulu
Lezisa izulu
Kwasibekela
Kwatsho
Isiphangokazi semvula
Yhoo
Ngqee abany'abantwana hii
Bakhawuleza bawela umfula
Ungekaphuphumi
Naanko ehintsiza uNomaindiya
Ebaleka
Ekhefuzela
Ekhala
Wafika umlambo ugcwele
Wacinga amazwi kamakhulu wakhe
Wathi oh Nkosi yam
Andiyazi ukuba bendiyenzela ntoni lento
Wangen'emlanjeni
Wabek'unyawo lokuqala
Wabek'olwesibini
Wathi nje esithi uyazama ukuthi
Amthatha amandla omsinga
Amtshayel'uNomaindiya
Wabe engenamncedi
Ahamba naye
Amanzi omlambo iBhirha
Amkhuphela eNxuba
Ayomlahl'elwandle
EHambhok
Oh ingathi ndiyambona uMambanjwa
Engamazi umntwan'akhe
Uyephi na
Ehamb'ebuzisa kubantwana abebedlala naye
Ukuba uphi na uNoma-indiya
Kanti uNoma-indiya usindile
Uye waginywa lisele
Elahamba kengoku
Libuzisa ngaye
Ukuba ngubani na ndimthweleyo
Thaxa
Thaxa
Thaxa isele
Laqala ke isele ukucula
EBhodyama
Nants'ingoma
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
Hee bath'abantu baseBhodyama
Hayi asimazi thina
LomhlobaseGompo khala ngaye
Ladlul'isele laya kwaNdaba
Labuza
He bethuna niyamazi
Umnt'ekuthiwa nguNoma-indiya
Intomb'aseGompo
Umzukulwana kaMambanjwa
Kwathiwa hayi asimazi thina lomntu apha tu
Gqithela phambili tu
Hee, wahamba waya phambili
Waya kwilal'ekuthiwa kuseTuwa
Wabuz'apho
Bethuna ndiyabuzisa
Kwathwa iyemapoliseni
Kukh'ipolice station kaloku pha
Kwathiwa iyemapoliseni
Ath'amapolisa hayi thina
Asimazi lomntu apha
Khawuy'eGcinisa maan
Hey hee hayi
EGcinisa kwathiwa asimazi lomntu apha
Khwaudlulelephambili
Hayi waya kwaNdaba ke
Wacula wacula wathi
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndipheth'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
Kwathiwa kwaNdaba
Hayi hamba
Gqithela phambili
Asimazi thina lo mntu
Hey wathi eQolweni
NaseNdabazandile
Ebuz'umbo omnye
Bethuna niyamazi na
UNoma-indiya
Umzukulwama kaMambanjwa
Isiushuqushu sesiqova
Esifutshanana esinezigweqe
Kwathiwa hey
Asimazi thina lomntu apha
Dlulela phambili kwaHoyi
Lehl'isele laya kwaHoyi
Bethuna niyamazi na
Umntu ekuthiwa
Ngu Noma-indiya
Isiqushuqushu sesiqova
Esinezigweqe
Umzukulwana ka Mambanjwa
Ingathi pha wadibana nomntu ekuthiwanguMphumezi
Wathi uMphumezi hayi andimazi mna lomntu lowo
Khawugqithele phambili
Hayi behla
Bokutsho eDoorkloof
Bethuna niyamazi na
Wakhwaza
Madala
Madala
Andisakhumbuli noba yayinguMayedwa na
Wathi
Niyamaz'uNomaindiya
Wathi heyi asimazi thina lomntu lowo
Dlulela phambili
Wadlula ke
Waya kutsho ngaapha
Kwafifteen
Ukuyokuqabel'ezanti
KwaZwelitsha
Wadibana nomny'utata ekuthiwa nguStywembeshe
He baw'uStywembeshe
Uyamazi umntu ekuthiwa ngu Nomaindiya
Umzukulwana kaMambanjwa
Wathi tyhini
Ndiyamazi loo mntu
Ngowangaaapha
Ngowangap'eKomanishini
Dlulela pha ngaphesheya
Hayi ke kwabonakala ngathi uNomaindiya uyaziwa
Umzukulwana ka Mambanjwa
Hayi babulela kakhulu abantu
Bamxhelela
Bamxhelela uNomaindiya
Kwathiwa
Nguye nguye lo
NguMayindiya
Nguye nguye lo
Ndipheth'umhlob'ase
Gompo Gompo
Nguye nguye lo
NguMayindiya
Nguye nguye lo
Ngumhlob'ase
Gompo Gompo
Nguye nguye lo
NguMayindiya
Nguye nguye lo
Lona umhlob'ase
Gompo Gompo
Khamini gantshi
Ndizis'uMayindiya
Khamini gantshi
Ndipheth'umhlobase
Gompo Gompo
Nguye nguye lo
NguMayindiya
Nguye nguye lo
Ndipheth'umhlob'ase
Gompo Gompo
We Gompo Gompo
Halala ey
We Gompo Gompo
We Gompo Gompo
Bantwanana
Mamelan'azali
Niqaphele
Int'abayithethayo
Nomaindiya
Nomaindiya
Nomaindiya
Nomaindiya
Mhlobase Gompo Gompo
Mhlobase Gompo Gompo
Mhlobase Gompo Gompo
Mhlobase Gompo Gompo
Phela phela phela
Phela ngantsomi
Phela phela phela
Phela ngantsomi
Chosi chosi kungaphum'iimpondo
Chosi chosi kungaphum'iimpondo
Phela phela ngantsomi

Writer(s): Dumisani Maswana
Copyright(s): Lyrics © O/B/O DistroKid
Lyrics Licensed & Provided by LyricFind

Attach an image to this thought

Drag image here or click to upload image

The Meaning of Ibali Lika Noma-indiya

Be the first!

Post your thoughts on the meaning of "Ibali Lika Noma-indiya".

Lyrics Discussions

1

10
Hot Songs

2

2K
Recent Blog Posts